Ulwamkelo lweVC:

UNjngl Deresh Ramjugernath

Wamkelekile Matie-ndini waNgomso!

Le nto uSuku lukaWonkewonke linyathelo lakho lokuqala kweli lakwiYunivesiti yaseStellenbosch. Le sayithi yenzelwe ukunceda wena ukuba usazi, wazi ukuba sibonelela ngantoni na kwaye ingomso lakho apha liya kuba njani na. Yithi chu, uphendlaphendle iipheyiji, uzibonele ngokwakho iikhampasi zethu ngokusebenzisa ukhenketho lwethu olwenziwa ngobuxhakaxhaka beintanethi.

Ukukhetha into omawuyifunde ngokwakho emva kokuphuma kwesikolo sisigqibo esikhulu ngokwenene kwaye ukuziva unamathandabuzo asinto ingaqhelekanga. Apha uza kufumana ingcaciso oyidingayo eza kukhokela oko ukucingayo, ikuphendulise imibuzo yakho, kanti siyathemba ukuba iya kuvuselela umxhelo wakho malunga noko uza kujongena nako.

Ikhwalifikheyishini ezuzwe eSU yaziwa kwihlabathi liphela kwaye ikuqhagamshelanisa nothungelwano ololuqilima lwabathweswazidanga, iingcali, neenkcubabuchopho ngokunjalo. Kodwa ke ixesha oza kulichitha apha alimalunga nokufunda kuphela. Lumalunga nokukhulisa lo mntu unguye, ukufumanela indawo eyeyakho, nokwakha ubuhlobo uqokelele amava aza kuhlala ekho kuwe nakude lee emva kokuthweswa isidanga.

forward together,
sonke siya phambili,
saam vorentoe

Njengenye yeeyunivesithi ezisemagqabini ehlabathini, iSU izibophelele kugqweso olunegalelo elivakalayo, ekuqhubeleni phambili ulwazi, ekwamkeleni ukuyila okutsha nasekubeni negalelo elibonakalayo eluntwini. Siyazingca ngokuba luluntu olwahlukahlukeneyo nolubandakanyayo, sizingca kananjalo nangobambiswano neAfrika iphela nehlabathi ngokunjalo.

Siyathemba ukuba oluSuku loVulomasango luza kukwenza uqonde ukuba kuthetha ukuthini ukuba yiMatie. Sikungxamele ukuziqhagamshelanisa nawe sikwamkele kule khampasi yethu kungekudala.

UNjngl Deresh Ramjugernath
URekhtha noSekela-Tshansela

IsiXhosa