Ulwamkelo lweVC:

Prof Wim de Villiers

Namkelekile ziMatie zangomso!

Iwebhusathi yosuku oluvulelwe uwonkewonke ikunika ithuba lokubona ukuba iYunivesithi yaseStellenbosch (SU) ingantoni. Bhrawuza kula maphepha, kwaye uwatyhutyhe ngokunga uyakhenketha uzibonele ngokwakho ukuba singakubonelela ngantoni.

Ukukhetha ikhondo lomsebenzi emva kokuyeka esikolweni yinto apha edla ngokubanzima, kodwa apha uya kufumana lonke ulwazi oludingayo ukuze wehlise amaphaphu uzive ubuthanda ubomi kwiikhampasi zethu.

Ukufumana isiqinisekiso kwiziko lethu kuya kukuvulela iingcango kwihlabathi liphela, kukudibanise nothungelwano olubanzi lwabantu abanolwazi. Kodwa apha, akuyi kufumana ulwazi olukumgangatho wehlabathi kuphela. Le yunivesithi nayo kaloku imalunga nokukhulisa ubungcali kunye nobuqu bakho, kambe ukwazi nokuzakhela ubuhlobo. Apha eSU oko kuninzi kangangoboya benja; buza nje phaya kubafundi bethu bangaphambili!

forward together,
sonke siya phambili,
saam vorentoe

Khumbula ukuba siyenye yeeyunivesithi ezikwi-1% yeeyunivesithi eziphezulu zehlabathi liphela. Asikhethi bani, sivelisa izinto ezintsha kwaye sithe gqolo ukubanegalelo elibonakalayo eluntwini. Sikwasebenzisana namanye amaziko emfundo ephakamileyo aphambili aphuma kwihlabathi jikelele.

Asingevuyi ngako xa sinokuva olwakho uluvo kwaye sikuxhinele ukukwamkelela kwikhampasi yethu kulo uzayo unyaka!

UNjngl Wim de Villiers
URekhtha noSekela-Tshansela

IsiXhosa